Yeremiya 25:1-38
25 Eli lilizwi elafika kuYeremiya ngezinto eziza kwenzeka kubo bonke abantu bakwaYuda, ngonyaka wesine kaYehoyakim+ unyana kaYosiya ukumkani wakwaYuda, owawungunyaka wokuqala kaKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni;
2 Wathi uYeremiya umprofeti ngabo* bonke abantu bakwaYuda nangabo bonke abemi baseYerusalem:
3 “Ukususela kunyaka we-13 kaYosiya+ unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, de kube namhlanje, le minyaka iyi-23, ilizwi likaYehova belifika kum, ibe bendihlala ndilithetha kuni,* kodwa ningamameli.+
4 UYehova wathumela kuni bonke abakhonzi bakhe abangabaprofeti, emane ebathumela,* kodwa anizange nimamele okanye nivule iindlebe zenu ukuze nive.+
5 Babesithi, ‘Ncedani nijike, ngamnye wenu endleleni yakhe embi nakwizenzo zenu ezibi;+ niza kutsho niqhubeke nihlala kwilizwe uYehova awalinika nina nookhokho benu ukususela kudala.
6 Ningalandeli abanye oothixo yaye ningabakhonzi nize niqubude kubo, nindicaphukise ngomsebenzi wezandla zenu. Ukuba nenza ezo zinto, ndiza kunizisela intlekele.’
7 “‘Kodwa naningandimameli,’ utsho uYehova. ‘Kunoko, nasuka nandicaphukisa ngomsebenzi wezandla zenu, nto leyo eyanizisela intlekele.’+
8 “Ngoko uthi uYehova wemikhosi, ‘“Kuba ningawathobelanga amazwi am,
9 ndiza kuthumela zonke iintsapho zasemntla,”+ utsho uYehova, “ndithumele noNebhukadenetsare* ukumkani waseBhabhiloni, umkhonzi wam,+ kweli lizwe+ nakubemi balo nakuzo zonke ezi ntlanga zilijikelezileyo.+ Ndiza kubatshabalalisa ndize ndibenze into yokoyikwa nento yokubethelwa umlozi nendawo etshabalele ngonaphakade.
10 Ndiza kusiphelisa isandi sokuvuya nesandi sokuba nemihlali kubo,+ ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi,+ isandi selitye lokuguba nokukhanya kwesibane.
11 Yaye lonke eli lizwe liza kutshabalala, libe yinto eyoyikekayo, yaye ezi ntlanga kuza kufuneka zisebenzele ukumkani waseBhabhiloni iminyaka eyi-70.”’+
12 “‘Kodwa emva kokuba kuphele iminyaka eyi-70,+ ndiza kumphendulisa ukumkani waseBhabhiloni nolo hlanga, ngenxa yesono sabo,’+ utsho uYehova, ‘nelizwe lamaKhaledi ndilenze lingabi nabantu ngonaphakade.+
13 Ndiza kuzisa kwelo lizwe onke amazwi endiwathethileyo ngalo, yonke into eprofetwe nguYeremiya nebhalwe kule ncwadi ngazo zonke iintlanga.
14 Kuba iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu+ baza kubenza amakhoboka,+ kwaye ndiza kubabuyekeza ngokwezenzo nangokomsebenzi wezandla zabo.’”+
15 Kuba uthe uYehova uThixo kaSirayeli kum: “Thatha le ndebe yewayini yomsindo esandleni sam, useze zonke iintlanga endikuthumela kuzo.
16 Yaye ziza kusela, zigxadazele zize zibe njengabantu abaphambeneyo ngenxa yekrele endilithumela kuzo.”+
17 Ngoko ndayithatha indebe esandleni sikaYehova, ndaziseza zonke iintlanga uYehova awayendithumele kuzo:+
18 ndaqala ngeYerusalem nezixeko zakwaYuda,+ ookumkani bayo neenkosana zayo, ndazenza indawo etshabaleleyo, into eyoyikekayo, into yokubethelwa umlozi nesiqalekiso,+ njengokuba injalo namhlanje;
19 ndeza ngoFaro ukumkani waseYiputa nezicaka zakhe, iinkosana zakhe nabo bonke abantu bakhe;+
20 nalo lonke iqela labo elingumxube; bonke ookumkani belizwe lakwaUtse; bonke ookumkani belizwe lamaFilisti,+ iAshkelon,+ iGaza, iEkron nabo bashiyekileyo eAshdode;
21 iEdom,+ iMowabhi+ nama-Amoni;+
22 bonke ookumkani baseTire, bonke ookumkani baseSidon,+ nabo bonke ookumkani besiqithi esiselwandle;
23 uDedan,+ uTema, uBhuze nabo bonke abo bachebe amatuma;*+
24 bonke ookumkani bama-Arabhu+ nabo bonke ookumkani beqela elingumxube elihlala entlango;
25 bonke ookumkani baseZimri, bonke ookumkani base-Elam+ nabo bonke ookumkani bamaMedi;+
26 nabo bonke ookumkani basemntla abakufuphi nabakude, omnye emva komnye, nazo zonke ezinye izizwe zomhlaba eziphezu komhlaba; nokumkani waseSheshaki*+ uza kusela emva kwabo.
27 “Umele uthi kubo, ‘Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli: “Selani, ninxile, nigabhe nize niwe, ningakwazi nokuvuka+ ngenxa yekrele endilithumela kuni.”’
28 Ukuba abavumi ukuthatha indebe esandleni sakho ukuze basele, uze uthi kubo, ‘Uthi uYehova wemikhosi: “Yiseleni!
29 Kuba jonga! ukuba ndiqala kwisixeko esibizwa ngegama lam ukuzisa intlekele,+ ngaba nina animele nohlwaywe?”’+
“‘Soze ningohlwaywa, kuba ndibabizela ikrele bonke abemi bomhlaba,’ utsho uYehova wemikhosi.
30 “Wena umele uprofete onke la mazwi kubo, uthi,‘UYehova uza kugquma ephezulu,Kwaye uza kukhupha ilizwi lakhe ekwindawo yakhe engcwele yokuhlala.
Uza kugquma ekwindawo yakhe yokuhlala.
Ekhwaza njengabantu abaxovula isixovulelo sewayini,Uza kucula njengomntu oboyise bonke abantu abasemhlabeni.’
31 ‘Ingxolo iza kufikelela kwezona ndawo zikude emhlabeni,Kuba uYehova uxabene neentlanga.
Uza kuwisa isigwebo ngokwakhe kubo bonke abantu.+
Uza kubanikela kwikrele abenzi-bubi,’ utsho uYehova.
32 Uthi uYehova wemikhosi:
‘Jonga! Kusasazeka intlekele eluhlangeni ukusa eluhlangeni,+Nesivuthuvuthu esikhulu siza kuvuswa kwezona ndawo zikude zomhlaba.+
33 “‘Yaye abo babulewe nguYehova ngaloo mini baza kususela kwesinye isiphelo somhlaba bayokutsho kwesinye isiphelo somhlaba. Abazukwenzelwa sijwili, bengazukuhlanganiswa okanye bangcwatywe. Baza kuba njengomgquba phezu komhlaba.’
34 Yenzani isijwili, balusi, nikhale kakhulu!
Zibhuqabhuqeni, zikhulu zomhlambi,Kuba lifikile ixesha lokuxhelwa nokuchithachitheka kwenu,Yaye niza kuwa njengesitya esixabisekileyo!
35 Abalusi abanandawo yakubalekela,Izikhulu zomhlambi azikwazi kuqhwesha.
36 Mamelani! Isikhalo sabalusiNesijwili sezikhulu zomhlambi,Kuba uYehova uyalitshabalalisa idlelo lazo.
37 Neendawo zazo zokuhlala ezinoxolo azinamntuNgenxa yomsindo omkhulu kaYehova.
38 Uyishiyile indawo yakhe kanye njengethole lengonyama,*+Kuba ilizwe labo liye lanjengento yokoyikisaNgenxa yekrele elikhohlakeleyoNangenxa yomsindo wakhe omkhulu.”
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “kaNebhukaderetsare,” enye indlela yokubhala eli gama.
^ Okanye “kubo.”
^ Ngokoqobo, “bendivuka ekuseni ndithethe.”
^ Ngokoqobo, “evuka ekuseni aze abathumele.”
^ Ngokoqobo, “noNebhukaderetsare,” enye indlela yokubhala eli gama.
^ Okanye “bachebe iinwele ezisezintlafunweni.”
^ Kubonakala ukuba eli ligama eliyimfihlelo elithetha iBhabheli (iBhabhiloni).
^ Okanye “njengethole lengonyama elinesingci.”