Isaya 49:1-26

  • Umsebenzi womkhonzi kaYehova (1-12)

    • Ukukhanya kweentlanga (6)

  • Kuthuthuzelwa uSirayeli (13-26)

49  Ndimameleni nina ziqithi,Vulani iindlebe nina zintlanga zikude.+ UYehova undibize ndingekazalwa.*+ Ndisesesibelekweni sikamama, uye wandibiza ngegama.   Umlomo wam wawenza wanjengekrele elibukhali.Undifihle kwithunzi lesandla sakhe.+ Wandenza ndalutolo olubengezelayo.Wandifihla kwisingxobo sakhe seentolo.   Wathi kum: “Sirayeli, ungumkhonzi wam,+Endiza kulubonakalisa ngaye uzuko lwam.”+   Kodwa mna ndathi: “Ndibulalekele nje into engekhoyo. Amandla am ndiwagqibe onke ndisebenzela into engekhoyo. Kodwa nakanjani nguYehova oza kugqiba,*Nomvuzo wam ukuThixo wam.”+   UYehova, Lowo wandibumbela ukuba ngumkhonzi wakhe ndisesesibelekweni,Uthe ndiza kubuyisela uYakobi kuye,Ukuze uSirayeli abizelwe kuye.+ Ndiza kuzukiswa phambi kukaYehova,UThixo wam uza kuba ngamandla am.   Kwaye wathi: “Akuphelelanga kule yokuba ube ngumkhonzi wam,Ophakamisa izizwe zakwaYakobi,Nobuyisa amaSirayeli awayekhuselwe. Ndikwenze nokuba ube kukukhanya kweentlanga,+Ukuze ukusindisa kwam kufikelele nakwezona ndawo zikude emhlabeni.”+  Uthi uYehova, uMhlawuleli kaSirayeli, Lowo Ungcwele,+ kulowo wenyanyekayo,+ nakulowo wenyanywa luhlanga, nakwisicaka sabalawuli: “Ookumkani baza kubona baze baphakame,Neenkosana ziza kuqubuda,Ngenxa kaYehova othembekileyo,+Lowo Ungcwele kaSirayeli, okukhethileyo.”+   Uthi uYehova: “Ngexesha lenceba, ndakuphendula,+Ndakunceda nangemini yosindiso;+Ndaqhubeka ndikukhusela ukuze ube sisivumelwano phakathi kwam naba bantu,+Ukuze kuhlaziywe ilizwe,Balifumane kwakhona ilifa labo elitshabaleleyo,+   Ukuze kuthiwe kumabanjwa, ‘Phumani!’+ Nakwabo basebumnyameni+ kuthiwe, ‘Zivezeni!’ Baza kutya emadlelweni angasezindleleni,Amadlelo abo aza kuba ngasezindleleni ezihanjwe kakhulu. 10  Soze balambe, soze banxanwe,+Soze batshe, lingasoze libagqatse nelanga.+ Kuba Lowo unosizi ngabo uza kubakhokela,+Uza kubasa emithonjeni yamanzi.+ 11  Zonke iintaba zam ndiza kuzenza zibe yindlela,Noohola bam beendlela ndiza kubenyusa.+ 12  Jonga! Aba bantu bavela kude,+Ibe jonga! Aba bantu bavela emntla nasentshona,Yaye aba bavela kwilizwe laseSinim.”+ 13  Khwazani nivuya nina mazulu, nawe mhlaba yitsho ngentswahla.+ Iintaba mazivuye ziyiyizele.+ Kuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe,+Ubenzela inceba abantu bakhe abasentlungwini.+ 14  Kodwa iZiyon yaqhubeka isithi: “UYehova undilahlile,+ futhi uYehova undilibele.”+ 15  Ngaba umfazi angalulibala usana lwakhe,Okanye angamveli unyana wesibeleko sakhe? Nokuba bona abo bafazi bangalibala, mna soze ndikulibale.+ 16  Jonga! Ndikubhale ezandleni zam. Iindonga zakho zisoloko ziphambi kwam. 17  Oonyana bakho bakhawuleza babuye. Abo bakudilizileyo nabakutshabalalisileyo baza kumka kuwe. 18  Phakamisa amehlo akho uze ujonge macala onke. Bonke bayaqokelelana.+ Beza kuwe. “Ndiphila nje,” utsho uYehova,“Uza kubanxiba bonke ngokungathi basisihombo,Yaye uza kubaqhinela kuwe njengokuba umtshakazi esenza. 19  Nangona iindawo zakho zazitshatyalalisiwe yaye zomile, nelizwe lakho lingamabhodlo,+Ngoku, ziza kugcwala ngabantu de zixinane,+Nabo babekuqwenga+ baza kuba kude lee.+ 20  Oonyana owabazala emva kokuba ufelwe, baza kuthi kuwe usiva,‘Le ndawo ixinene kakhulu ukuba singahlala kuyo. Sivulele indawo yokuhlala.’+ 21  Entliziyweni yakho uza kuthi,‘Ngubani utata waba bantwana bam,Ekubeni ndingumfazi owafelwa ngabantwana, umfazi ongafumani bantwana,Owasiwa ekuthinjweni waza wavalelwa ejele? Ngubani ondikhulisele aba bantwana?+ Jonga! Mna ndashiywa ndodwa.+Ngoko aba bantwana bavela phi?’”+ 22  Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Jonga! Ndiza kusiphakamisela kwiintlanga isandla sam,Yaye ndiza kuziphakamisela uphawu* izizwana.+ Kwaye ziza kubafunqula* oonyana bakho,Zizixwaye emagxeni iintombi zakho.+ 23  OoKumkani baza kukuhoya,+Namakhosazana abe ziimpelesi zakho. Baza kuqubuda kuwe, ubuso babo bujonge emhlabeni,+Baze bakhothe uthuli olusezinyaweni zakho,+Yaye kuza kufuneka wazi ukuba ndinguYehova;Abo bathembela kum abazukuhlazeka.”+ 24  Ngaba abantu abasele bethinjiwe bangathathwa kwindoda enamandla?Bona abathinjwe nguzwilakhe bangasindiswa? 25  Kodwa uthi uYehova: “Nkqu nabathinjwa bendoda enamandla baza kuthathwa,+Nabo bathinjwe nguzwilakhe baza kusindiswa.+ Ndiza kubachasa abo bakuchasayo,+Yaye ndiza kubasindisa oonyana bakho. 26  Ndiza kubenza batye inyama yabo abo bakuphatha kakubi;Baza kunxila ligazi labo ngokungathi basele iwayini emnandi. Kuza kufuneka bonke abantu bazi ukuba ndinguYehova,+UMsindisi+ noMhlawuleli wakho,+Lowo Unamandla kaYakobi.”+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ndisesesibelekweni.”
Okanye “uYehova uza kundibuyekeza.”
Ngokoqobo, “ziza kubabeka esifubeni.”
Okanye “ipali eluphawu.”