INtshumayeli 11:1-10

  • Wasebenzise amathuba avelayo (1-8)

    • Phosa isonka sakho emanzini (1)

    • Hlwayela imbewu kusasa de kube ngokuhlwa (6)

  • Bonwabele ngendlela efanelekileyo ubutsha bakho (9, 10)

11  Phosa isonka sakho emanzini,+ kuba uza kuphinda usifumane ekuhambeni kwexesha.+  Isabelo sakho siphe abasixhenxe noba basibhozo,+ kuba awuyazi intlekele eza kwehla emhlabeni.  Ukuba amafu agcwele ngamanzi, aza kunethisa imvula emhlabeni; ukuba umthi uwela ngasemzantsi okanye ngasemntla, uza kuhlala apho uwele khona.  Ogadene nomoya soze atyale mbewu, nogadene namafu soze avune.+  Kanye njengokuba ungawazi ukuba usebenza njani umoya emathanjeni osana esiswini* somfazi okhulelweyo,+ awuwazi nomsebenzi kaThixo wokwenene, owenza zonke izinto.+  Tyala imbewu yakho kwakusasa, ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa;+ kuba awazi ukuba yeyiphi eza kuhluma, enoba yile okanye yileya, okanye ziza kuhluma zombini.  Kutsho kamnandi ukukhanya, ibe ukubona ilanga kuyawanceda amehlo.  Kuba ukuba umntu uye waphila iminyaka emininzi, makayonwabele yonke.+ Kodwa umele akhumbule ukuba nemihla yobumnyama ingamininzi; suku ngalunye oluzayo lulilize.+  Bonwabele ubutsha bakho mfana, uyivumele yonwabe intliziyo yobutsha bakho. Landela iindlela zentliziyo yakho, uye nalapho amehlo akho akusa khona; kodwa wazi ukuba uThixo wokwenene uza kukugweba.*+ 10  Ngoko ke lisuse ixhala entliziyweni yakho, uziphephe nezinto ezinokukwenzakalisa emzimbeni, kuba ubutsha nokuza ngobuso elizweni lilize.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “emathanjeni esibeleko.”
Okanye “uza kukuphendulisa.”