IiNdumiso 77:1-20
Kumalathisi; mayidlalwe ngeYedutun.* Eka-Asafu.+ Ingoma emnandi.
77 Ngelizwi lam ndiza kukhalela kuThixo;Ndiza kukhalela kuye, ibe uza kundiva.+
2 Xa ndisentlungwini ndikhangela uYehova.+
Izandla zam ndizolulela kuye ubusuku bonke,
Ibe andithuthuzeleki.
3 Ndithi ndakukhumbula uThixo ndincwine;+Ndikhathazekile kwaye ndiphelelwa ngamandla.+ (Selah)
4 Awuvumi ukuba avaleke amehlo am;Ndixakwe nakukuthetha ziinkathazo.
5 Ndikhumbula iimini zakudala,+Iminyaka eyadlulayo.
6 Ebusuku ndihlala ndikhumbula ingoma yam;*+Ndizikisa ukucinga entliziyweni yam,+Ndize ndiphandisise.*
7 Uza kusilahla ngonaphakade na uYehova?+
Akasoze aphinde asamkele na?+
8 Luphele tu na uthando lwakhe olungagungqiyo?
Azizukusifumana zonke na izizukulwana isithembiso sakhe?
9 UThixo ulibele na ukuba nenceba,+Okanye umsindo wakhe umenze waphelelwa yinceba? (Selah)
10 Ngaba ndimele ndiqhubeke ndisithi: “Nantsi eyona nto indityayo:*+
Oyena Uphakamileyo usijikele”?*
11 Ndiza kuyikhumbula imisebenzi kaYa;Ndiza kuyikhumbula imimangaliso yakho yakudala.
12 Ndiza kucingisisa ngayo yonke imisebenzi yakho,Ndetyise nangezinto ozenzileyo.+
13 Owu Thixo, iindlela zakho zingcwele.
Nguwuphi na uthixo omkhulu njengawe, wena Thixo?+
14 UnguThixo wokwenene, owenza izinto ezimangalisayo.+
Uzibonisile izizwana ukuba unamandla.+
15 Ubasindise* ngamandla akho* abantu bakho,+Oonyana bakaYakobi nabakaYosefu. (Selah)
16 Amanzi akubonile Thixo;Akubonile aza agxobheka.+
Atsho ayaluzela amanzi anzulu.
17 Amafu akhupha izantyalantyala zemvula.
Kwasibekela kwaza kwaduduma,Neentolo zakho zaya ngapha nangapha.+
18 Isandi sendudumo yakho+ sasingathi ngamavili enqwelo;Ukutshawuza kwemibane kwawutsho waqhakraza umhlaba;+Umhlaba wangcangcazela waza wanyikima.+
19 Wena wanqumla elwandle,+Wanqumla emanzini amaninzi;Kodwa awuzange ushiye mkhondo.
20 Wabakhokela oku komhlambi abantu bakho,+Ngesandla sikaMoses noAron.+
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “ingoma yam yomrhubhe.”
^ Ngokoqobo, “Uze umoya wam uphande.”
^ Ngokoqobo, “usiguqule isandla sakhe sasekunene.”
^ Okanye “indixhelayo.”
^ Ngokoqobo, “Ubakhulule.”
^ Ngokoqobo, “ngengalo yakho.”