IiNdumiso 26:1-12

  • Ukuhamba ngokungasoleki

    • “Ndigocagoce Yehova” (2)

    • Ukungahlali nabenzi-bubi (4, 5)

    • ‘Ndiza kujikeleza isibingelelo sikaThixo’ (6)

EkaDavide. 26  Ndigwebe Yehova, kuba ndihambe ngokungasolekiyo;+Khange ndihexe ekuthembeni uYehova.+   Ndigocagoce Yehova, undivavanye;Sulungekisa ezona ngcinga zam zinzulu* nentliziyo yam.+   Kuba ndisoloko ndicinga ngothando lwakho olungagungqiyo,Ibe ndihamba enyanisweni yakho.+   Andihlali nabantu abangamaxoki,+Ibe ndiyabaphepha abo bazifihlayo into abayiyo.*   Ndiyakucaphukela ukuhlala nabantu abangalunganga,+Ibe andivumi ukuba* phakathi kwabenzi-bubi.+   Ndiza kuzihlamba ngobumsulwa izandla zam,Ibe ndiza kujikeleza isibingelelo sakho, Yehova,   Ukuze ndikubulele ngokuvakalayo+Ndize ndithethe ngayo yonke imisebenzi yakho emangalisayo.   Yehova, ndiyayithanda indlu ohlala kuyo,+Indawo olukuyo uzuko lwakho.+   Unganditshayeli kunye naboni,+Nobomi bam ungabuthathi kunye nobabantu abakhohlakeleyo,* 10  Abanezandla ezenza izinto eziziintloni,Nabagcwele zizinyobo kwisandla sabo sasekunene. 11  Kodwa mna, ndiza kuhamba ngokungasolekiyo. Ndisindise* uze undiphathe ngothando. 12  Unyawo lwam lumi kumhlaba othe tyaba;+Ndiza kumdumisa uYehova kwibandla elikhulu.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ezona mvakalelo zam zinzulu.” Ngokoqobo, “izintso zam.”
Okanye “bankwalambisayo.”
Ngokoqobo, “ukuhlala.”
Okanye “abachitha igazi.”
Ngokoqobo, “Ndihlangule.”