IiNdumiso 146:1-10
146 Dumisani uYa!*+
Mandimdumise ngentliziyo yam yonke* uYehova.+
2 Ndiza kumdumisa ubomi bam bonke uYehova.
Ndisaphila nje, ndiza kumdumisa ngengoma* uThixo wam.
3 Sanukuthembela kwiinkosana,Nakunyana womntu, ongenakukwazi ukunisindisa.+
4 Uyaphuma umoya wakhe,* aze abuyele emhlabeni;+Ngaloo mini ziyatshabalala iingcinga zakhe.+
5 Wonwabile lowo uncedwa nguThixo kaYakobi,+Othembela ngoYehova uThixo wakhe,+
6 UMenzi wezulu nomhlaba,Ulwandle, nazo zonke izinto ezikuzo,+Lowo uhlala ethembekile,+
7 Lowo uthethelela abo baqhathwayo,Lowo upha abalambileyo isonka.+
UYehova ukhulula amabanjwa.*+
8 UYehova uvula amehlo eemfama;+UYehova uphakamisa abaqubudileyo;+UYehova uthanda amalungisa.
9 UYehova ukhusela abasemzini;Wondla umntwana ongenatata nomhlolokazi,+Kodwa uyawaphelisa amacebo abenzi-bubi.*+
10 UYehova uza kuba nguKumkani ngonaphakade,+UThixo wakho Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana.
Dumisani uYa!*
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.
^ Okanye “ngomphefumlo wam wonke.”
^ Okanye “kumqambela ingoma.”
^ Okanye “Buyaphela ubomi bakhe.”
^ Ngokoqobo, “ababotshiweyo.”
^ Okanye “uyenza goso indlela yabenzi-bubi.”
^ Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.