IMizekeliso 22:1-29
22 Igama elihle lingcono* kunobutyebi obuninzi;+Ukuhlonitshwa* kubhetele kunesilivere negolide.
2 Umntu osisityebi nosweleyo bafana ngale nto:*
Bobabini badalwe nguYehova.+
3 Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi aze ayiphephe,Kodwa ongenamava uya ngqo kuyo aze achaneke.*
4 Umphumo wokuthobeka nokoyika uYehovaBubutyebi, uzuko nobomi.+
5 Indlela yomntu onamaqhinga inameva nemigibe,Kodwa umntu obuxabisileyo ubomi bakhe uhambela kude kuyo.+
6 Yiqeqeshe inkwenkwe* ngendlela emele ihambe ngayo;+Naxa sele indala soze isuke kuyo.+
7 Isityebi siyalilawula ihlwempu,Nalowo ubolekayo sisicaka salowo ubolekisayo.+
8 Nabani na ongenzi bulungisa uza kuhlelwa yintlekele,+Nentonga yomsindo wakhe iza kwaphuka.+
9 Umntu othanda ukupha* uza kusikelelwa,Kuba wahlulelana namahlwempu ngokutya kwakhe.+
10 Mgxothe umntu ogxekayo,Iza kutsho iphele ingxabano,Kuphele neengxwaba-ngxwaba* nezithuko.
11 Umntu onentliziyo emsulwa nothetha kamnandiUza kuba ngumhlobo kakumkani.+
12 Amehlo kaYehova akhusela ulwazi,Kodwa uyawatshitshisa amazwi omntu onamaqhinga.+
13 Ivila lithi: “Kukho ingonyama phandle!
Ndiza kufela kwindawo kawonke-wonke!”+
14 Umlomo womfazi oziphethe kakubi* ungumngxuma onzulu.+
Umntu oqalekiswe nguYehova uza kuwela kuwo.
15 Ubudenge bubophelelekile entliziyweni yenkwenkwe,*+Kodwa intonga yengqeqesho iza kubususa kuyo.+
16 Umntu oqhatha ihlwempu ukuze andise ubutyebi bakhe+Nomntu onika isityebi iziphoUza kuphela elihlwempu.
17 Wavulele indlebe uze uwamamele amazwi ezilumko,+Ukuze ufake iimfundiso zam entliziyweni yakho,+
18 Kuba uza kuncedakala ngokuwagcina entliziyweni yakho,+Ahlale esemilebeni yakho.+
19 Ndikunika ulwazi namhlanje,Ukuze uthembele ngoYehova.
20 Andikubhalelanga na,Ndakunika amacebiso nolwazi,
21 Ukuze ndikufundise amazwi athembekileyo nayinyaniso,Utsho ukwazi ukubuyisela ingxelo echanileyo kulowo ukuthumileyo?
22 Sukulixhaphaza ihlwempu kuba lingenanto,+Ungamcinezeli nomntu ohluphekayo egeyithini yesixeko,+
23 Kuba baza kuthethelelwa nguYehova ngokwakhe+Aze abatshabalalise abo babaxhaphazayo.
24 Sukuhlobana nomntu okhawuleza abe nomsindoOkanye uhlobane nomntu okhawulezayo ukucaphuka,
25 Ukuze ungafundi iindlela zakheKuze oko kube ngumgibe kuwe.+
26 Uze ungabi phakathi kwabo benza isivumelwano ngokuxhawulana ngezandla,Bakhuphe isibambiso ngezinto ezibolekwe abanye.+
27 Xa ungakwazi ukubhatala,Ibhedi yakho iza koxuthwa usalele kuyo!
28 Ungaze uwususe umdaOwabekwa ngookhokho bakho kudala.+
29 Ukhe wambona na umntu olichule emsebenzini wakhe?
Uza kuma phambi kookumkani;+Akazukuma phambi kwabantu abaqhelekileyo.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “Ukuthandwa.”
^ Okanye “Ukuduma kakuhle kungcono.” Ngokoqobo, “Igama lingcono.”
^ Ngokoqobo, “bayahlangabezana.”
^ Okanye “ahlawule.”
^ Okanye “Mqeqeshe umntwana; Mqeqeshe umntu osemtsha.”
^ Ngokoqobo, “onelihlo elinobubele.”
^ Okanye “nokuxoxa amatyala.”
^ Okanye “yomntwana; yomntu osemtsha.”