Hoseya 3:1-5
3 Emva koko uYehova wathi kum: “Phinda umthande umfazi othandwa yenye indoda nokrexezayo,*+ njengokuba uYehova ewathanda amaSirayeli+ ngoxa esiya kwabanye oothixo+ ethanda nezonka zerasintyisi.”*
2 Ngoko ndamthenga ngamaqhosha esilivere ayi-15, nangehomere* enehafu yerhasi.
3 Ndaza ndathi kuye: “Uza kuhlala ungowam ixesha elide. Uze ungathengisi ngomzimba,* futhi ungalali nenye indoda; nam andizukulala nawe.”
4 Kuba amaSirayeli aza kuhlala ixesha elide engenakumkani,+ engenankosana, engenambingelelo, engenantsika, engenaefodi+ nazithixo zekhaya.+
5 Emva koko amaSirayeli aza kubuya aze amfune uYehova uThixo wawo,+ noDavide ukumkani wawo,+ yaye ekupheleni kwemihla,+ aza kuza kuYehova engcangcazela efuna ukulunga kwakhe.
Umbhalo osemazantsi
^ Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
^ Oko kukuthi, ezo zisetyenziswa kwiinkonzo zobuxoki.
^ Ihomere yayilingana ne-220 L. Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “ungaziphathi kakubi ngesondo.”