Hoseya 13:1-16
13 “Xa ethetha uEfrayim, abantu babengcangcazela;Wayemkhulu kwaSirayeli.+
Kodwa waba netyala ngenxa kaBhahali+ waza wafa.
2 Ngoku wongeza kwisono sakhe,Wenza imifanekiso yesinyithi ngesilivere yakhe;+Wenza izithixo ngobuchule, wenza wonke umsebenzi wabakhandi.
Uthi kuzo, ‘Abantu ababingelelayo mabaphuze amathole.’+
3 Ngoko uza kufana namafu asekuseni,Nombethe okhawuleza uthi shwaka,Umququ ophetshethwa sisaqhwithi kwibala lokubhula,Nomsi ophuma kumngxuma wophahla.
4 Kodwa ndaba nguYehova uThixo wakho ukususela ezweni laseYiputa;+Wawungazi Thixo ngaphandle kwam,Futhi akukho msindisi ngaphandle kwam.+
5 Ndakwazi kwasentlango,+ kwilizwe elomileyo.
6 Wanela ngamadlelo akhe,+Wanela yaza yaphakama intliziyo yakhe.
Wandilibala.+
7 Ndiza kuba njengengonyama kuye,+Njengehlosi elilalele ixhoba endleleni.
8 Ndiza kumhlasela njengebhere elilahlekelwe ngamathole alo,Ndiza kumkrazula isifuba.*
Ndiza kumqwenga njengengonyama;Irhamncwa liza kumdlakaza.
9 Liza kukutshabalalisa Sirayeli,Ngenxa yokuba undijikele, ujikele umncedi wakho.
10 Uphi ke ngoku ukumkani wakho; angakusindisi nje kuzo zonke izixeko zakho,+Nabalawuli* bakho, abo wathi ngabo,‘Ndinike ukumkani neenkosana’?+
11 Ndakunika ukumkani ndinomsindo,+Ibe ndiza kumsusa ndinomsindo.+
12 Isiphoso sikaEfrayim sisongelwe;*Isono sakhe sigciniwe.
13 Uza kufikelwa ziintlungu zenimba.
Kodwa ungumntwana osisidenge;Kuba xa kufuneka ezelwe, akaveli.
14 Ndiza kumkhulula emandleni engcwaba;*Ndiza kumsindisa ekufeni.+
Aphi na amandla akho, Kufa okubangela intlungu?*+
Kuphi na ukutshabalalisa kwakho ngcwaba?+
Amehlo am awazukuba nalusizi.
15 Nokuba angachuma phakathi kweengcongolo,Uza kufikelwa ngumoya wasempuma, umoya osuka kuYehova.Usuka ngasentlango usiza komisa iqula nomthombo wakhe.
Uza kuboxutha bonke ubutyebi bakhe.+
16 ISamariya iza kubekwa ityala+ kuba imjikele uThixo wayo.+
Iza kuwa likrele.+Abantwana bayo baza kudlakazwa,Nabafazi bayo abakhulelweyo baza kuqhaqhwa.”
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “apho ivalelwe khona intliziyo.”
^ Ngokoqobo, “Nabagwebi.”
^ Okanye “siselugcinweni.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “Luphi na ulwamvila lwakho kufa?”