Hezekile 5:1-17

  • Kuboniswa indlela eza kuwa ngayo iYerusalem (1-17)

    • Umprofeti ucheba iinwele aze azohlule kathathu (1-4)

    • IYerusalem iyingxaki ngaphezu kweentlanga (7-9)

    • Abantu abangathobeliyo baza kohlwaywa ngeendlela ezintathu (12)

5  “Wena ke, nyana womntu, thatha ikrele elibukhali ulisebenzise njengebleyidi yomchebi weenwele. Cheba intloko neendevu zakho, uthathe izikali uze ukale iinwele zakho uzahlulahlule kathathu.  Inxalenye yokuqala uze uyitshise xa ziphelile iintsuku zokurhangqwa kwesixeko.+ Emva koko uze uthathe enye inxalenye uyibethe ngekrele kuso sonke isixeko,+ inxalenye yesithathu uyiphose emoyeni; mna ke ndiza kurhola ikrele ndibaleqe.+  “Thatha nezinye ezimbalwa kuyo, uzisongele emphethweni wesambatho sakho.  Uze uphinde uthathe nezinye uziphose emlilweni, uzitshise ziphele. Emva koko umlilo uza kunwenwela kuyo yonke indlu kaSirayeli.+  “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘YiYerusalem le. Ndiyibeke phakathi kweentlanga, ijikelezwe ngamazwe.  Kodwa khange iyithobele imithetho nemiyalelo yam, iqatsele ekwenzeni ububi kuneentlanga namazwe ayijikelezileyo.+ Kuba abayithobelanga imithetho yam, baza abahamba ngemiyalelo yam.’  “Ngoko ke, ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Kuba niye nayingxaki ngaphezu kweentlanga ezinijikelezileyo, anahamba ngemiyalelo yam kwaye anayithobela imithetho yam, kunoko nathobela imithetho yeentlanga ezinijikelezileyo,+  ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndilwa nawe sixekondini,+ yaye mna lo ndiza kukuzisela umgwebo phambi kwamehlo eentlanga.+  Ndiza kukwenza into endingazange ndayenza, nendingazukuphinda ndiyenze, ngenxa yazo zonke izinto ezenyanyekayo ozenzayo.+ 10  “‘“Ootata baza kutya oonyana,+ noonyana batye ootata, yaye ndiza kunigweba ndize abashiyekileyo ndibathi saa kuyo yonke indawo.”’*+ 11  “‘Ngoko ke ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ngenxa yokuba iyingcwele yam enayingcolisayo ngezithixo zenu ezicekisekayo nezinto ezenyanyekayo enazenzayo,+ ndiza kunilahla;* ilihlo lam alizukuba nalusizi, yaye andizukuba naluvelwano.+ 12  Inxalenye yenu yokuqala iza kufa ngesifo esingubhubhani okanye igqitywe yindlala. Enye iza kuwa ngekrele macala onke.+ Eyokugqibela ndiza kuyithi saa kuyo yonke indawo,* ndize ndirhole ikrele ndibaleqe.+ 13  Uza kutsho uphele umsindo wam, ndiyeke ukubaqumbela, ibe ndiza kwaneliseka.+ Xa ndigqibile ukukhuphela umsindo wam kubo, baza kutsho bazi ukuba mna, Yehova, ndithethe kuba ndifuna nyhani bazinikele ngokupheleleyo kum.+ 14  “‘Ndiza kukwenza ube yindawo etshabaleleyo, uze ugxekwe ziintlanga ezikujikelezileyo nangabantu bonke abadlulayo.+ 15  Uza kugxekwa kuze kuhlekiswe ngawe,+ ube ngumzekelo osisilumkiso nento eyoyikisayo kwiintlanga ezikujikelezileyo, xa ndikuzisela umgwebo ndinomsindo, ndiqumbile yaye ndikohlwaya kabukhali. Mna Yehova, ndithethile. 16  “‘Ndiza kubathumela iintolo zendlala ezibulalayo ukuze zibatshabalalise. Ezo ntolo ziza kunonakalisa.+ Ndiza kuyenza ithi kratya indlala ngokuphelisa ukutya kwenu.*+ 17  Ndiza kuthumela kuni indlala namarhamncwa akhohlakeleyo,+ ibe aza kunihlutha abantwana benu. Niza kuthi shu sisifo esingubhubhani nokuchithwa kwegazi, ibe ndiza kunizisela ikrele.+ Mna Yehova, ndithethile.’”

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “kuyo yonke imimoya.”
Okanye “ndiza kuninciphisa.”
Ngokoqobo, “kuyo yonke imimoya.”
Ngokoqobo, “ngokwaphula iintonga zenu zezonka.” Kusenokwenzeka ukuba kubhekiselwa kwiintonga ekwakugcinwa kuzo izonka.