Hezekile 12:1-28
12 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
2 “Nyana womntu, uhlala endlini engathobeliyo. Banamehlo kodwa ababoni, baneendlebe kodwa abeva,+ kuba bayindlu engathobeliyo.+
3 Wena ke, nyana womntu, pakisha umthwalo wakho ulungiselele ukuya ekuthinjweni. Emva koko uze uhambe uye ekuthinjweni emini bejongile. Hamba uye ekuthinjweni kwenye indawo usuka endlini yakho bejongile. Mhlawumbi baza kubona, nangona beyindlu engathobeliyo.
4 Wukhuphe umthwalo wakho ulungele ukuya ekuthinjweni emini bejongile, uze uphume ngokuhlwa bejongile, ube ngathi uya ekuthinjweni.+
5 “Gqobhoza eludongeni bejongile, uphume kulo neempahla zakho.+
6 Zixwaye emagxeni bejongile, uphume nazo kwakuba mnyama. Bogqume ubuso bakho ukuze ungawuboni umhlaba, kuba ndikwenza umqondiso kwindlu kaSirayeli.”+
7 Ndenza kanye le nto ndandiyiyalelwe. Emini ndakhupha umthwalo wam endandiwulungiselele ukuya ekuthinjweni, ndaza ngokuhlwa ndagqobhoza eludongeni ngesandla. Kwathi kwakuba mnyama, ndakhupha iimpahla zam ndizixwaye emagxeni bejongile.
8 Ilizwi likaYehova laphinda lafika kum kusasa, lisithi:
9 “Nyana womntu, khange ikubuze na indlu kaSirayeli, laa ndlu ingathobeliyo, ithi, ‘Wenza ntoni?’
10 Yithi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Esi sibhengezo siya kwinkosi+ eseYerusalem nakuyo yonke indlu kaSirayeli esesixekweni.”’
11 “Yithi, ‘Ndingumqondiso kuni.+ Le nto ndiyenzileyo, yiyo kanye eza kwenzeka kubo. Baza kuya ekuthinjweni, ekubanjweni.+
12 Inkosi ekunye nabo iza kuxwaya iimpahla zayo emagxeni ize imke ngobumnyama. Iza kugqobhoza eludongeni, iphume neempahla zayo kulo.+ Iza kubogquma ubuso bayo ukuze ingawuboni umhlaba.’
13 Ndiza kuphosa umnatha wam wokuzingela phezu kwayo, ibe iza kubambeka kuwo.+ Emva koko ndiyise eBhabhiloni, kwilizwe lamaKhaledi, kodwa ayizukulibona; ibe iza kufela apho.+
14 Nabo bonke abo bayiphahlileyo, abancedi bayo namajoni ayo, ndiza kubathi saa yonke indawo;+ ibe ndiza kukhupha ikrele ndize ndibaleqe.+
15 Baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova xa ndibasasaza phakathi kweentlanga ndize ndibathi saa emazweni.
16 Kodwa ndiza kusindisa abambalwa kwikrele, kwindlala nakwisifo esingubhubhani, ukuze babalisele iintlanga abaya kuzo ngazo zonke izenzo zabo ezenyanyekayo; yaye baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova.”
17 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
18 “Nyana womntu, ufanele usitye isonka sakho ungcangcazela, namanzi akho uwasele usoyika yaye uxhalabile.+
19 Yithi kubantu belizwe, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova kubemi baseYerusalem kwilizwe lakwaSirayeli: “Isonka sabo baza kusitya bexhalabile, namanzi abo bawasele besoyika, kuba ilizwe labo liza kutshatyalaliswa ngokupheleleyo+ ngenxa yobundlobongela babo bonke abo bahlala kulo.+
20 Izixeko ezinabantu abahlala kuzo ziza kutshatyalaliswa, nelizwe libe yinkangala;+ ibe niza kutsho nazi ukuba ndinguYehova.”’”+
21 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
22 “Nyana womntu, sesantoni na esi saci ninaso kwaSirayeli, esithi, ‘Ziyahamba zona iintsuku, kodwa akukho mbono ude wenzeke’?+
23 Ngoko yithi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiza kusiphelisa esi saci, yaye abasayi kuphinda basisebenzise kwaSirayeli.”’ Kodwa baxelele le nto, ‘Zisondele iintsuku,+ ibe yonke imibono iza kuzaliseka.’
24 Akuzukuphinda kubekho nawuphi na umbono wobuxoki okanye ukuvumisa okububuxoki kwindlu kaSirayeli.+
25 ‘“Kuba mna, Yehova, ndiza kuthetha. Naliphi na ilizwi endilithethayo liza kwenzeka ngaphandle kokulibazisa.+ Ngemihla yenu,+ ndlundini engathobeliyo, ndiza kuthetha ilizwi ndize ndilenze,” itsho iNkosi enguMongami uYehova.’”
26 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
27 “Nyana womntu, abantu bendlu kaSirayeli bathi,* ‘Lo mbono awubonayo usekude, yaye uprofeta ngezinto ezingekazukwenzeka.’+
28 Ngoko ke yithi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “‘Akukho nalinye kumazwi am eliza kubekelwa amangomso; nantoni na endiyithethayo iza kwenzeka,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”’”
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “indlu kaSirayeli ithi.”