Genesis 5:1-32

  • Ukusuka kuAdam ukuya kuNowa (1-32)

    • UAdam wazala oonyana neentombi (4)

    • UEnoki wahamba noThixo (21-24)

5  Le yincwadi yembali ka-Adam. Mhla uThixo wadala uAdam, wamenza ngokufana noThixo.+  Wadala indoda nomfazi.+ Ngemini abadalwa ngayo+ wabasikelela waza wababiza ngokuthi uMntu.*  Xa uAdam wayeneminyaka eyi-130, wazala unyana owayenjengaye, wambiza ngokuba nguSete.+  Emva koko, uAdam waphila iminyaka eyi-800. Wayenabo nabanye oonyana neentombi.  Ngoko uAdam wafa eneminyaka eyi-930.+  Xa uSete wayeneminyaka eyi-105, wazala uEnoshi.+  Emva koko, uSete waphila iminyaka eyi-807. Wayenabo nabanye oonyana neentombi.  Ngoko uSete wafa eneminyaka eyi-912.  Xa uEnoshi wayeneminyaka eyi-90, wazala uKenan. 10  Emva koko, uEnoshi waphila iminyaka eyi-815. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 11  Ngoko uEnoshi wafa eneminyaka eyi-905. 12  Xa uKenan wayeneminyaka eyi-70, wazala uMahalaleli.+ 13  Emva koko, uKenan waphila iminyaka eyi-840. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 14  Ngoko uKenan wafa eneminyaka eyi-910. 15  Xa uMahalaleli wayeneminyaka eyi-65, wazala uYaredi.+ 16  Emva koko, uMahalaleli waphila iminyaka eyi-830. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 17  Ngoko uMahalaleli wafa eneminyaka eyi-895. 18  Xa uYaredi wayeneminyaka eyi-162, wazala uEnoki.+ 19  Emva koko, uYaredi waphila iminyaka eyi-800. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 20  Ngoko uYaredi wafa eneminyaka eyi-962. 21  Xa uEnoki wayeneminyaka eyi-65, wazala uMethusela.+ 22  Emva koko, uEnoki waqhubeka ehamba noThixo wokwenene iminyaka eyi-300. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 23  Ngoko uEnoki wafa eneminyaka eyi-365. 24  UEnoki waqhubeka ehamba noThixo wokwenene.+ Emva koko wanyamalala kuba uThixo wamthatha.+ 25  Xa uMethusela wayeneminyaka eyi-187, wazala uLameki.+ 26  Emva koko, uMethusela waphila iminyaka eyi-782. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 27  Ngoko uMethusela wafa eneminyaka eyi-969. 28  Xa uLameki wayeneminyaka eyi-182, wazala unyana. 29  Wathi nguNowa,*+ watsho esithi: “Lo uza kusithuthuzela* ekubulalekeni kwethu nasekuveni kwezandla zethu intlungu ngenxa yomhlaba awuqalekisileyo+ uYehova.” 30  Emva koko, uLameki waphila iminyaka eyi-595. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 31  Ngoko uLameki wafa eneminyaka eyi-777. 32  Xa uNowa wayeneminyaka eyi-500, wazala uShem,+ uHam+ noYafete.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Adam; uluntu.”
Mhlawumbi othetha ukuthi “Ukuphumla; ukuthuthuzeleka.”
Okanye “kusikhulula.”