Eksodus 21:1-36
21 “Le yimithetho oza kubaxelela yona:+
2 “Ukuba uthenga ikhoboka elingumHebhere,+ liya kuba likhoboka iminyaka emithandathu, kodwa kowesixhenxe liya kukhululwa yaye akukho nto liya kuyibhatala.+
3 Ukuba lafika lodwa, liya kuphuma lodwa. Ukuba linomfazi, umfazi walo uya kuphuma nalo.
4 Ukuba inkosi yalo ilinike umfazi waza walizalela oonyana okanye iintombi, loo mfazi nabantwana bakhe baza kuba ngamakhoboka enkosi yalo. Lona liza kuphuma lodwa.+
5 Kodwa ukuba elo khoboka liqhubeka lisithi, ‘Ndiyayithanda inkosi yam, umfazi wam noonyana bam, andifuni kukhululeka,’+
6 inkosi yalo imele ilisondeze kuThixo wokwenene, ilizise ngaselucangweni okanye ngasemgubasini, yaye inkosi yalo iya kuligqobhoza indlebe ngenyatyhoba, ngoko liya kuba likhoboka layo bonke ubomi balo.
7 “Xa umntu eye wathengisa intombi yakhe ukuba ibe likhobokazana, ayizukukhululwa ngendlela elikhululwa ngayo ikhoboka eliyindoda.
8 Ukuba inkosi yelo khobokazana ayaneliswa lilo kangangokuba ayilikhethi libe ngumfazi wayo,* kodwa isuke ifune ukulithengisa komnye umntu,* ayinalungelo lokulithengisa kubantu basemzini, kuba ilenzele amaqhinga.
9 Ukuba ilikhethela unyana wayo, imele ilinike amalungelo entombi.
10 Ukuba uzithathela omnye umfazi, asimele sincitshiswe isixhaso salo, isinxibo nemfanelo yomtshato+ yomfazi wokuqala.
11 Ukuba ayizukulenzela ezi zinto zontathu, elo khobokazana liza kukhululeka lingabhatalanga mali.
12 “Nabani na obetha umntu afe, naye makabulawe.+
13 Kodwa ukuba akambulalanga ngabom, abe noThixo wokwenene eyiyeke yenzeka loo nto, ndiza kukubonisa indawo amakabalekele kuyo.+
14 Ukuba umntu ucatshukiswa ngomnye umntu, ade ambulale ngabom,+ loo mntu umele abulawe nokuba kungade kufuneke uyokumthatha esibingelelweni sam.+
15 Umntu obetha utata okanye umama wakhe makabulawe.+
16 “Nabani na oxhwila omnye umntu+ aze amthengise okanye afunyanwe esambambile,+ umele abulawe.+
17 “Nabani na othuka* utata okanye umama wakhe makabulawe.+
18 “Nantsi into emayenzeke xa amadoda exabene yaza enye yabetha enye ngelitye okanye ngenqindi* ayafa, kodwa yalala ebhedini ingakwazi ukuzenzela nto:
19 Ukuba ikwazile ukuphakama yaza yahamba-hamba phandle isimelela, indoda ebethileyo mayingohlwaywa. Kunoko iya kubuyekeza ixesha le ndoda eyenzakeleyo elahlekelwe lilo emsebenzini de iphile ngokupheleleyo.
20 “Ukuba umntu ubetha ikhoboka lakhe okanye ikhobokazana lakhe ngenduku laza lafa, maliphindezelwe.+
21 Kodwa ukuba liye laphila usuku olunye okanye ezimbini, malingaphindezelwa, kuba lingumntu othengwe ngemali yenkosi yalo.
22 “Ukuba amadoda ayalwa aze ayokuphoseka kumfazi okhulelweyo, abeleke ngaphambi kwexesha*+ kodwa kungafi mntu,* indoda enetyala mayibhatale umonakalo ngokwento ebekwe yindoda yaloo mfazi, yaye imele ibhatale ngendlela abatsho ngayo abagwebi.+
23 Kodwa ukuba kubakho umntu ofayo, uze ubuyekeze ubomi ngobomi,*+
24 ilihlo ngelihlo, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,+
25 ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo.
26 “Ukuba umntu ubetha ikhoboka lakhe okanye ikhobokazana lakhe elihlweni walonzakalisa, makalikhulule lihambe ngenxa yelihlo lalo.+
27 Yaye ukuba ubethe ikhoboka lakhe okanye ikhobokazana lakhe kwaphuma izinyo, makalikhulule lihambe ngenxa yezinyo lalo.
28 “Ukuba inkunzi yenkomo ihlaba indoda okanye umfazi afe, loo nkomo mayibethwe ngamatye ife,+ futhi mayingatyiwa inyama yayo, kodwa umnikazi wayo makangohlwaywa.
29 Kodwa ukuba inkunzi yenkomo inomkhwa wokuhlaba yaye umnikazi wayo ebelumkisiwe ngayo kodwa akayivalela, ibe ngoku ibulele indoda okanye umfazi, mayibethwe ngamatye ife, nomnikazi wayo makabulawe.
30 Ukuba kuthiwe makabhatale, umele ayikhuphe yonke loo nto ibizwayo ukuze akhulule ubomi bakhe.*
31 Nokuba ihlabe unyana okanye ihlabe intombi, makwenziwe kuye ngokwaloo mithetho.
32 Ukuba loo nkunzi yenkomo ihlabe ikhoboka okanye ikhobokazana, umnikazi wayo makanike inkosi yekhoboka okanye yekhobokazana iishekele* eziyi-30, yona inkomo mayibethwe ngamatye ife.
33 “Ukuba umntu uvula umngxuma, okanye uyawemba, aze angawogqumi, kuze kutshone inkunzi yenkomo okanye idonki kuwo,
34 umnikazi womngxuma umele abhatale.+ Uya kubhatala ixabiso leso silwanyana kumnikazi waso, yaye eso silwanyana sifileyo siya kuba sesakhe.
35 Ukuba inkunzi yenkomo yomntu yenzakalise inkunzi yenkomo yomnye yaza yayibulala, mabayithengise le iphilayo baze balahlule ixabiso layo, bahlulelane nangaleyo ifileyo.
36 Okanye ukuba inkunzi yenkomo ibisaziwa ukuba inomkhwa wokuhlaba kodwa umnikazi wayo akayivalela, makabhatale ngenkunzi yenkomo, le ifileyo ibe yeyakhe.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “lishweshwe layo.”
^ Ngokoqobo, “ukuba likhululwe.”
^ Okanye “oqalekisa.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “ngesixhobo.”
^ Okanye “kungenzakali mntu.”
^ Ngokoqobo, “baphume abantwana bakhe.”
^ Okanye “umphefumlo ngomphefumlo.”
^ Okanye “umphefumlo wakhe.”
^ Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.