Eyesibini KaSamuweli 5:1-25
5 Ekuhambeni kwexesha zonke izizwe zakwaSirayeli zeza kuDavide eHebron,+ zathi: “Silithambo lakho nenyama yakho.*+
2 Ngexesha uSawule wayengukumkani wethu, nguwe owawukhokela uSirayeli aye ezimfazweni.*+ UYehova wathi kuwe: ‘Uza kwalusa abantu bam uSirayeli, yaye uza kuba yinkokheli kwaSirayeli.’”+
3 Ngoko bonke abadala bakwaSirayeli beza kukumkani eHebron, waza uKumkani uDavide wenza isivumelwano nabo+ eHebron phambi koYehova. Emva koko bambeka uDavide ukuba abe ngukumkani kaSirayeli.+
4 UDavide waba ngukumkani eneminyaka eyi-30, waza walawula iminyaka eyi-40.+
5 EHebron walawula uYuda iminyaka eyi-7 neenyanga eziyi-6. EYerusalem+ walawula uSirayeli wonke noYuda iminyaka eyi-33.
6 Ukumkani namadoda akhe baya eYerusalem ukuze balwe namaYebhusi+ angabemi balapho. Wona ahlekisa ngoDavide esithi: “Soze ungene apha! Uza kugxothwa naziimfama naziziqhwala.” Nantsi into ababeyicinga, ‘UDavide akasoze angene apha.’+
7 Nakuba kunjalo, uDavide walithimba ikhusi leZiyon, ngoku elisisiXeko SikaDavide.+
8 Ngaloo mini uDavide wathi: “Abo bahlasela amaYebhusi, bamele bahambe ngomjelo wamanzi, baze baxabele ‘iziqhwala neemfama,’ bantu abo abacaphukelayo uDavide!” Yiloo nto kusithiwa: “Iimfama neziqhwala soze zingene endlini.”
9 Emva koko uDavide wahlala apho kwikhusi, yaye labizwa* ngokuba sisiXeko SikaDavide, waza uDavide waqalisa ukwakha macala onke esusela eNdulini,*+ esiza ngaphakathi.+
10 Ngaloo ndlela uDavide waya esiba mkhulu ngokuba mkhulu,+ noYehova uThixo wemikhosi wayemxhasa.+
11 UKumkani uHiram+ waseTire wathumela abathunywa kuDavide. Wathumela kwanemithi yomsedare,+ abantu abasebenza ngemithi nabasebenza ngamatye okwakha iindonga. Bamakhela indlu* uDavide.+
12 Yaye uDavide waqonda ukuba uYehova umenze ukumkani kuSirayeli engathandabuzi,+ nokuba ubuphakamisile ubukumkani bakhe+ ngenxa yabantu bakaThixo amaSirayeli.+
13 Ukufika kukaDavide eYerusalem evela eHebron wathatha abanye abafazi,*+ baza bamzalela oonyana neentombi ezininzi.+
14 Nanga amagama abantwana bakhe awabazalelwa eYerusalem: uShamuwa, uShobhabhi, uNatan,+ uSolomon,+
15 uIbhare, uElishuwa, uNefege, uYafiya,
16 uElishama, uEliyada noElifelete.
17 Athi amaFilisti akuva ukuba uDavide wenziwe ukumkani kwaSirayeli,+ enyuka onke ayokumhlasela.+ Wathi akuyiva le nto, wemka waya kwindawo yokuzimela.+
18 AmaFilisti eza aza ahambahamba kwiNtlambo YamaRefa.*+
19 UDavide wabuza kuYehova+ esithi: “Ndinyuke na ndiyokulwa namaFilisti? Uza kuwanikela kum?” UYehova wathi kuDavide: “Nyuka, kuba nakanjani ndiza kuwanikela kuwe amaFilisti.”+
20 Ngoko uDavide weza eBhahali-peratsim, wawaxabela apho. Wathi: “UYehova ugqobhoze phakathi kweentshaba zam+ phambi kwam, njengokugqobhoza kwamanzi.” Yiloo nto wayibiza loo ndawo ngokuba yiBhahali-peratsim.*+
21 AmaFilisti azishiya apho izithixo zawo, waza uDavide namadoda akhe bazithatha bemka nazo.
22 Ethubeni amaFilisti aphinda enyuka aza ahambahamba kwiNtlambo YamaRefa.*+
23 UDavide wabuza kuYehova, kodwa uThixo wathi: “Sukunyuka ngqo. Jikela uthi gqi emva kwawo, uze uwahlasele ngakumatyholo emibhaka.
24 Xa usiva isandi sokumatsha kwamaFilisti emantla amatyholo emibhaka, hlasela, kuba uYehova uza kube ephumile phambi kwakho eyokuxabela umkhosi wamaFilisti.”
25 Ngoko uDavide wenza kanye ngendlela uYehova awayemyalele ngayo, wawaxabela amaFilisti+ ukususela eGebha+ ukuyokutsho eGezere.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Siligazi lakho.”
^ Ngokoqobo, “nguwe owawukhupha, ungenisa uSirayeli.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “yaye walithiya.”
^ Okanye “eMilo.” Igama lesiHebhere elibhekisela “kwinduli.”
^ Okanye “ibhotwe.”
^ Okanye “amanye amashweshwe.”
^ Okanye “kwiThafa LaseRefa.”
^ Ethetha ukuthi “Incutshe Yokutyhoboza.”
^ Okanye “kwiThafa LaseRefa.”