Eyesibini KaSamuweli 18:1-33

  • Ukoyiswa kuka-Abhisalom nokufa kwakhe (1-18)

  • UDavide uchazelwa ngokufa kuka-Abhisalom (19-33)

18  UDavide wawabala amadoda awayekunye naye waza wabeka phezu kwawo umphathi wamawaka nomphathi wamakhulu.+  Wathumela inxalenye yesithathu ikhokelwa nguYowabhi,*+ inxalenye yesithathu ikhokelwa ngumntakwabo Yowabhi, uAbhishayi,+ unyana kaTseruya,+ nenye inxalenye yesithathu ikhokelwa nguItayi+ umGati. Ukumkani wathi kula madoda: “Nam ndiza kuphuma nani.”  Wona athi: “Sukuphuma,+ kuba ukuba sinokubaleka, abazukuba naxesha lethu, nokuba ihafu yethu ingafa, abazukuzikhathaza ngathi, kuba wena ulingana nabayi-10 000 kuthi.+ Ngoko bekuya kuba ngcono ukuba ungasithumelela uncedo usesixekweni.”  Ukumkani wathi kubo: “Loo nto niyibona ilungile ndiza kuyenza.” Wema ecaleni kwegeyithi, yaye onke amadoda aphuma ngokwamakhulu namawaka.  Ukumkani wayalela uYowabhi, uAbhishayi noItayi, esithi: “Nimphathe kakuhle umfana uAbhisalom, nenzele mna.”+ Onke amadoda eva xa ukumkani eyalela bonke abaphathi ngoAbhisalom.  Amadoda aphuma esiya endle, eyokulwa namaSirayeli. Idabi laba kwihlathi lakwaEfrayim.+  Abantu bakwaSirayeli+ boyiswa ngabakhonzi bakaDavide+ ibe kwabulawa abantu abaninzi ngaloo mini. Bebonke, yaba ngamadoda ayi-20 000.  Idabi lasasazeka kuyo yonke loo ngingqi. Futhi, ihlathi ladla abantu abangakumbi kunabo badliwa likrele ngaloo mini.  Ekugqibeleni uAbhisalom wazibona sele ejongene nezicaka zikaDavide. Wayekhwele imeyile, yaza loo meyile yangena phantsi kwamasebe ashinyeneyo omthi omkhulu, intloko yakhe yabambeka kuwo, wajinga emoyeni,* yona imeyile awayeyikhwele yaqhubeka ihamba. 10  Umntu owayibonayo le nto wayokuxelela uYowabhi wathi:+ “Jonga! Ndibone uAbhisalom ejinga emthini omkhulu.” 11  UYowabhi wathi kule ndoda: “Ukuba umbonile, kutheni ungamxabelanga kwalapho awe ­emhlabeni? ­Bendiza ­kukupha amaqhosha esilivere alishumi nebhanti.” 12  Kodwa loo ndoda yathi kuYowabhi: “Nokuba bendinokunikwa amaqhosha esilivere ayi-1 000, bendingenakuze ndolulele isandla sam kunyana kakumkani, kuba simvile ukumkani xa eyalela wena, uAbhishayi noItayi, esithi, ‘Nokuba ngubani na kuni, nize nimkhusele umfana, uAbhisalom.’+ 13  Ukuba bendingathobelanga ndaza ndambulala, ebengasoze angayazi loo nto ukumkani, ibe nawe lo ubungazukundikhusela.” 14  UYowabhi wathi: “Andizukuchitha xesha ngawe apha!” Wathatha imikhonto* yamithathu, wahlaba uAbhisalom entliziyweni ngoxa esaphila, esekuloo mthi mkhulu. 15  Emva koko, izicaka ezilishumi ezazithwala izixhobo zikaYowabhi, zeza zaza zamxabela wade wafa uAbhisalom.+ 16  Ngoko uYowabhi wavuthela uphondo, aza amadoda abuya ekuleqeni amaSirayeli. UYowabhi wawanqanda. 17  Bamthatha ke uAbhisalom, bamphosa emngxunyeni omkhulu osehlathini baza bamogquma ngemfumba enkulu yamatye.+ Onke amaSirayeli abalekela emakhayeni awo. 18  Ngoxa uAbhisalom wayesaphila, wathatha intsika wazimisela yona kwiNtlambo* KaKumkani,+ kuba wathi: “Andinanyana ukuze agcine igama lam.”+ Loo ntsika wayithiya ngegama lakhe, yaye ibizwa ngokuba liLitye Lesikhumbuzo Lika-Abhisalom unanamhla oku. 19  UAhimahatse+ unyana kaTsadoki, wathi: “Ndiyakucela ndivumele ndibaleke ndiyokuxelela ukumkani ezi ndaba, kuba uYehova umenzele ubulungisa ngokumkhulula kwiintshaba zakhe.”+ 20  UYowabhi wathi kuye: “Awuzukuba ngumchazi weendaba namhlanje. Unokuzichaza ngenye imini iindaba, kodwa namhlanje awuzukuchaza zindaba, kuba ngunyana kakumkani ngokwakhe oswelekileyo.”+ 21  Emva koko uYowabhi wathi kumKushe:+ “Hamba uyokuxelela ukumkani into oyibonileyo.” UmKushe waqubuda kuYowabhi waza wabaleka. 22  UAhimahatse unyana kaTsadoki waphinda wathi kuYowabhi: “Nokuba kwenzeka ntoni, ndiyacela nam ndivumele ndibaleke emva komKushe.” UYowabhi wathi: “Kutheni kufuneka ubaleke nyana wam, kungekho zindaba unokuzixela?” 23  Yena wathi: “Nokuba kwenzeka ntoni, ndivumele ndibaleke.” UYowabhi wathi kuye: “Baleka!” Waza uAhimahatse wabaleka ngendlela enqumla kwingingqi yaseYordan.* Wade ekugqibeleni wamdlula umKushe. 24  UDavide wayehleli phakathi kweegeyithi zesixeko ezimbini,+ waza unogada+ waya eluphahleni lwegeyithi engaseludongeni. Waphakamisa amehlo akhe waza wabona indoda ebaleka yodwa. 25  Ngoko unogada wakhwaza waza waxelela ukumkani. Ukumkani wathi: “Ukuba iyodwa iphethe iindaba.” Njengokuba yayisondela, 26  unogada wabona nenye indoda ibaleka. Wakhwaza unogada wasegeyithini esithi: “Nantso nenye indoda ibaleka yodwa!” Ukumkani wathi: “Nayo izisa iindaba.” 27  Unogada wathi: “Le ndoda yokuqala ibaleka njengoAhimahatse+ unyana kaTsadoki,” ngoko ukumkani wathi: “Uyindoda elungileyo, ibe uza neendaba ezimnandi.” 28  UAhimahatse wakhwaza kukumkani wathi: “Kuhle!” Emva koko, waqubuda kukumkani ubuso bakhe bujonge emhlabeni. Wathi: “Makabongwe uYehova uThixo wakho, onikezele ngamadoda avukele* inkosi yam ukumkani!”+ 29  Ukumkani wathi: “Ngaba yonke into ihamba kakuhle kumfana uAbhisalom?” UAhimahatse wathi: “Ndibone isiphithiphithi esikhulu ngokuya uYowabhi ebethumela isicaka sikakumkani, nam lo isicaka sakho, kodwa bendingazi ukuba ibiyeyantoni.”+ 30  Ukumkani wathi: “Bhekela, yima apha.” Ngoko wabhekela, wema apho. 31  UmKushe wafika+ wathi: “Inkosi yam ukumkani mayamkele ezi ndaba: Namhlanje uYehova wenze ubulungisa ngokukukhulula esandleni sabo bonke abo balwa nawe.”+ 32  Kodwa ukumkani wathi kumKushe: “Ngaba yonke into ihamba kakuhle kumfana uAbhisalom?” UmKushe wathi: “Kwanga zonke iintshaba zenkosi yam ukumkani nabo bonke abo balwa nawe ukuze bakwenzakalise, bangaba njengaloo mfana!”+ 33  Le nto yamphazamisa ukumkani waza wenyuka waya kwigumbi eliseluphahleni phezu kwegeyithi walila, ibe njengoko wayehamba wayesithi: “Nyana wam Abhisalom, nyana wam, nyana wam Abhisalom! Akwaba bekufe mna endaweni yakho, Abhisalom nyana wam, nyana wam!”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “iphantsi kwesandla sikaYowabhi.”
Ngokoqobo, “waphakathi kwamazulu nomhlaba.”
Okanye kusenokwenzeka, “iintolo.” Ngokoqobo, “imiphini.”
Okanye “kwiThafa LikaKumkani.”
Ngokoqobo, “yesithili saseYordan.”
Ngokoqobo, “aphakamise isandla sawo.”