Eyesibini KwabaseKorinte 7:1-16

  • Masizicoce (1)

  • UPawulos uvuyiswa ngamaKorinte (2-4)

  • UTito uzisa ingxelo emnandi (5-7)

  • Ukuba buhlungu ngendlela eyamkelekileyo kuThixo nokuguquka (8-16)

7  Ngoko ke bazalwana abathandekayo, ekubeni sinezi zithembiso,+ masicoce imizimba yethu neengqondo zethu,+ ukuze siye sisiba ngcwele njengoko sisoyika uThixo.  Sivuleleni indawo ezintliziyweni zenu.+ Akukho mntu simenze into embi, akukho mntu simenzakalisileyo, kungekho mntu simqhathileyo.+  Le nto andiyithethi kuba ndinigweba. Kuba nditshilo ngaphambili ukuba nisezintliziyweni zethu nokuba siyafa okanye siyaphila.  Ndiyakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo kakhulu apho kuni. Ndiqhayisa kakhulu ngani. Ndithuthuzelekile, ndivuya kakhulu nangona sijongene nobunzima.+  Eneneni ukufika kwethu eMakedoni,+ asizange sifumane siqabu, kodwa saqhubeka sijongene nobunzima macala onke, kwakusiliwa ngaphandle, iluloyiko ngaphakathi.  Noko ke uThixo obathuthuzelayo abo bakhathazekileyo,+ wasithuthuzela ngobukho bukaTito.  Zange sithuthuzelwe bubukho bakhe kuphela kodwa nayinto yokuba wabuya ekhuthazekile ngenxa yenu, kuba wasichazela indlela enindikhumbula ngayo, indlela enibuhlungu ngayo nendlela enindixhalabele ngayo, ndatsho ndavuya kakhulu.  Kaloku nokuba ndanikhathaza ngeleta yam,+ andizisoli. Nangona ndandizisola ekuqaleni, (ndabona ukuba yanikhathaza laa leta okwethutyana),  ngoku ndiyavuya. Andivuyiswa kukuba naye nakhathazeka kodwa kukuba nade naguquka. Kuba naba buhlungu ngendlela eyamkelekileyo kuThixo, natsho analahlekelwa nto ngenxa yethu. 10  Kuba ukuba buhlungu ngendlela eyamkelekileyo kuThixo kwenza umntu aguquke aze asindiswe, kungabikho kuzisola;+ kodwa ukuba buhlungu ngendlela ethandwa lihlabathi kubangela ukufa. 11  Ekubeni niye nabuhlungu ngendlela eyamkelekileyo kuThixo, niye nakhuthala kakhulu, nabonisa ukuba nimsulwa, nacaphuka, noyika, nabonisa ukuba ninomdla nyhani, nizimisele yaye nifuna ukuwulungisa umonakalo!+ Nenze kakuhle kuyo yonke le nto. 12  Xa ndandinibhalela, ndandingenzeli umntu owonileyo+ okanye owoniweyo, kodwa ndabhala ukuze uThixo ayibone indlela enizimisele ngayo ukuthobela amazwi ethu. 13  Yiloo nto siye sathuthuzeleka. Ngaphezu koko, savuya nakakhulu xa sibona indlela awayevuya ngayo uTito kuba nanimkhuthazile. 14  Kuba ukuba bendiqhayise ngani kuye, andibanga nazintloni; kodwa izinto esiqhayise ngazo ngani kuTito ziyinyaniso kanye njengokuba ziyinyaniso izinto esinichazele zona. 15  Unithanda kakhulu, ngakumbi xa ecinga indlela enathobela ngayo,+ nendlela enamamkela ngayo ngentlonipho. 16  Ndinithemba ngokupheleleyo ibe loo nto iyandivuyisa.

Umbhalo osemazantsi