Eyokuqala KaPetros 5:1-14
5 Ngoko ke, njengoko nam ndingumdala, nengqina elazibonelayo ukutsala nzima kukaKristu, ibe nam ndiza kufumana uzuko oluza kutyhilwa,+ ndiyabacenga abadala, ndisithi:
2 Waluseni umhlambi kaThixo+ eniwuphathisiweyo, niwukhathalele ngokuzithandela phambi koThixo,+ hayi kuba ninyanzelwa okanye ninyolukile,+ kodwa kuba nifuna nyhani;
3 ningazenzi abalawuli babo balilifa likaThixo,+ kodwa yibani yimizekelo kumhlambi.+
4 Xa umalusi omkhulu+ ebonakaliswa, niza kutsho nifumane isithsaba sozuko esingasoze sonakale.+
5 Nani ke bafana, wathobeleni amadoda amakhulu.*+ Kodwa nonke nimele nithobelane,* kuba uThixo akabafuni abantu abaziphakamisayo, kodwa ubenzela ububele* abo bathobekileyo.+
6 Ngoko ke, zithobeni phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.+
7 Liphoseni kuye lonke ixhala lenu,+ kuba unikhathalele.+
8 Hlalani nisezingqondweni, nilumke!+ UMtyholi olutshaba lwenu, uhambahamba njengengonyama egqumayo, ekhangela umntu anokumqwenga.+
9 Kodwa xhathisani,+ niqine elukholweni, nisazi ukuba behlelwa bubunzima obufanayo bonke abazalwana benu emhlabeni wonke.+
10 Kodwa, emva kokuba nive ubunzima okwexeshana, uThixo wabo bonke ububele,* owanibizela kuzuko lwakhe olungunaphakade+ ngokumanyene noKristu, yena ngokwakhe uza kuniqeqesha ngokupheleleyo. Uza kuniqinisa,+ anomeleze,+ aze anenze nizinze.
11 Ngawakhe onke amandla ngonaphakade. Amen.
12 Ngoncedo lukaSilvano,*+ ongumzalwana othembekileyo, ndinibhalele ngamazwi ambalwa, ndinikhuthaza, yaye ndiniqinisekisa ukuba obu bububele bukaThixo* ngokwenene. Bambelelani nkqi kubo.
13 Uyanibulisa lowo useBhabhiloni, okhethiweyo njengani; uyabulisa noMarko+ unyana wam.
14 Bulisanani ngokuphuzana* kuba nithandana.
Kwanga ninganoxolo nonke nina nimanyene noKristu.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “kubadala.”
^ Okanye “nambathe ukuthobeka kwengqondo.”
^ Okanye “ububele obungabafanelanga.”
^ Okanye “ububele obungasifanelanga.”
^ Okwabizwa ngokuba nguSilas.
^ Okanye “ububele bukaThixo obungasifanelanga.”
^ Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.