Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ekhohlo: Olena Yefremkina/stock.adobe.com; phakathi: lunamarina/stock.adobe.com; ekunene: Rido/stock.adobe.com

HLALANI NITHE QWA!

Ngubani Esinokumthemba?—Ithini IBhayibhile?

Ngubani Esinokumthemba?—Ithini IBhayibhile?

 Abantu baphelelwe lithemba kuba abantu ababathembileyo bayabaphoxa. Abaninzi abasathembi . . .

  •   iinkokheli zeepolitiki ezenza izinto ezinceda zona ngaphezu kwezo zidingwa ngabantu.

  •   iindaba ezingazichazi ngendlela ezenzeka ngayo izinto nechanileyo.

  •   oososayensi abangazenziyo izinto eziza kunceda abantu abaninzi.

  •   iinkokheli zonqulo ezingammeliyo uThixo kodwa ezixhasa iipolitiki.

 Abantu benza into entle ngokubalumkela abantu abanokubathemba. IBhayibhile ithi:

  •   “Sanukuthembela kwiinkokheli ezingabantu; kuba akukho mntu unokusindisa umntu.”—INdumiso 146:3iGood News Translation.

Umntu esinokumthemba

  IBhayibhile ithi ukhona umntu esinokumthemba: NguYesu Kristu. Wayengeyondoda nje ilungileyo eyayiphila kwiminyaka emininzi eyadlulayo. UThixo wakhetha uYesu ukuba abe “nguKumkani aze alawule . . . , ibe soze buphele uBukumkani bakhe.” (Luka 1:32, 33) UYesu unguKumkani woBukumkani bukaThixo, urhulumente olawulayo ngoku ezulwini.—Mateyu 6:10.