Iingxelo Zakudala Zingqina Indawo Eyayikuso Isizwe SamaSirayeli
IBhayibhile ithi, xa amaSirayeli oyisa iLizwe Lesithembiso aza alihlulahlula ngokwezizwe zaso, isizwe sakwaManase sanikwa imihlaba elishumi kwintshona yeYordan eyayisohlula kwezinye izizwe. (Yoshuwa 17:1-6) Ngaba bukhona ubungqina bezinto ezembiweyo ngale nto?
Ngo-1910 eSamariya kwembiwa amacwecwe odongwe abhaliweyo. La macwecwe ayenengxelo ebhalwe ngesiHebhere yezinto ezazisiwa kwindawo eyayihlala ukumkani. Ezi zinto zaziquka iwayini neoli yokuthambisa. Kwiminyaka eyi-2 700 eyadlulayo kwakusele kufunyenwe amacwecwe ayi-102, ayi-63 kuwo ayesafundeka kakuhle. Ngoko, xa le ngxelo yalamacwecwe ayi-63 idityaniswa kuye kufumaneke imihla, amagama ezizwana, kuquka neenkcukacha zabantu abazithumelayo ezo zinto, nabo zazisiya kubo.
Onke amagama akula macwecwe aseSamariya ngawesizwe sakwaManase. Ngokuphathelele into ethethwa yiNIV Archaeological Study Bible, iyangqinelana nento ethethwa yiBhayibhile ngokuba izizwe zakwaManase zazihlala phi.
La macwecwe aphinda angqinelane nento eyathethwa ngomnye umbhali weBhayibhile uAmosi ngabantu abazizityebi ababephila ngelo xesha, wathi: “Basela iwayini ngezitya ezigcweleyo baze bazithambise ngezona oli zodidi.” (Amosi 6:1, 6) La macwecwe aphinda athi ezi zinto zazivela kumhlaba owawuhlala izizwe ezilishumi zakwaManase.