Septemba 2-8
INDUMISO 79-81
Ingoma 29 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Bonisa Uthando Ngegama LikaYehova Elizukileyo
(imiz. 10)
Sukwenza nantoni na angayifuniyo uYehova (INd 79:9; w17.02 9 ¶5)
Khalela egameni lakhe (INd 80:18; ijwbv 3 ¶4-5)
UYehova uyabasikelela kakhulu abo bamthobelayo nababonisa ukuba bayalithanda igama lakhe (INd 81:13, 16)
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
-
INd 80:1—Ngamanye amaxesha, kwakutheni ukuze igama likaYosefu lisetyenziswe ekubhekiseleni kwizizwe zonke zakwaSirayeli? (it-2-E 111)
-
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) INd 79:1–80:7 (th isifundo 10)
4. Ukuqalisa Incoko
(umz. 1) KWINDLU NGENDLU. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 4 ingongoma 4)
5. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 3) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 4 ingongoma 3)
6. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 2) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 3 ingongoma 3)
7. Ukubuyela
(imiz. 5) KWINDLU NGENDLU. Qalisa isifundo seBhayibhile nomntu owayengenamdla ngaphambili. (lmd isifundo 8 ingongoma 3)
Ingoma 10
8. “Baza Kulingcwalisa Igama Lam”
(imiz. 15) Ingxubusho.
USathana waqalisa ukungcolisa igama likaYehova kumyezo wase-Eden. Ukususela ngoko, abantu neengelosi kuye kwafuneka benze isigqibo esibalulekileyo sokuba baza kulithethelela na igama likaYehova.
Cinga ngobunye bobuxoki obusasazwe nguSathana ngoYehova. Umtyhola ngokuba ngumlawuli okhohlakeleyo nongenathando. (Gen 3:1-6;Yob 4:18, 19) Uthi abakhonzi bakaYehova bayazenzisa ngokuthi bayamthanda. (Yob 2:4, 5) USathana uye wenza iimiliyoni zabantu zakholelwa ukuba uYehova ayingoMdali welihlabathi lihle siphila kulo.—Rom 1:20, 21.
Uziva njani wena ngobubuxoki? Mhlawumbi bukwenza ufune ukuphakama umele uYehova! UYehova ebesazi ukuba abakhonzi bakhe baza kufuna ukunceda kungcwaliswe igama lakhe. (Thelekisa Isaya 29:23.) Unganceda njani?
-
Nceda abanye abantu bamazi baze bamthande uYehova. (Yoh 17:25, 26) Kulungele ukunikela ubungqina bokuba ukho uze ufundise nabanye ngeempawu zakhe ezimangalisayo.—Isa 63:7
-
Mthande uYehova ngentliziyo yakho yonke. (Mat 22:37, 38) Thobela imiyalelo kaYehova hayi kuba ilungile nje qha kodwa kuba ufuna ukumvuyisa uYehova.—IMi 27:11
Dlala IVIDIYO ethi Ungaze Uvumele Uthando Lwakho Luphele Kuba . . . Ingathandwa Imithetho KaThixo Esikolweni. Uze ubuze le mibuzo:
-
UAriel noDiego baye balithethelele njani igama likaYehova?
-
Yintoni ebancede bakwazi ukumela uYehova?
-
Ungawulinganisa njani umzekelo wabo?
9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) bt isahl. 15 ¶1-7, nentshayelelo yecandelo 6